Uhezekile 48:14-22 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ze bangawuthengisi okanye batshintshise ngawo. Ngumhlaba okhethekileyo lo; ngako oko uze ungabi ngowabanye abantu, kuba ungumhlaba owodwa kaNdikhoyo.

15. “Umhlaba oseleyo obubanzi buziikhilomitha ezimbini ezinesiqingatha nobude obuziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha uya kuba ngowesixeko, ube yindawo yokwakha izindlu nedlelo. Isixeko siya kuba sesazulwini sawo.

16. Ubukhulu baso ke buya kuba ziikhilomitha ezimbini ezinekota emantla, bube kwangako emazantsi, ngasempumalanga nangasentshonalanga.

17. Idlelo lesixeko liya kuba likhulu elinamashumi amabini anantlanu eemitha entla, libe kwangako ezantsi nasempumalanga kwanasentshonalanga.

18. Umhlaba oseleyo kulowo wayame ubude bomhlaba okhethekileyo uya kuba ziikhilomitha ezintlanu ngasempumalanga kwanezintlanu ngasentshonalanga. Isivuno sawo siya kondla abasebenzi besixeko.

19. Abasebenzi besixeko abawulimayo baya kuba ngabezindlu zonke zakwaSirayeli.

20. Uya kuba ngumhlaba omacala alinganayo alishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha kwicala ngalinye. Umhlaba okhethekileyo nalowo wabelwe isixeko uya kuba ngumnikelo owodwa.

21. “Umhlaba oseleyo macala omabini walowo ungumnikelo owodwa nalowo usikelwe isixeko uya kuba ngowenkosi. Umda wawo wesahlulo sawo ngasinye ukusuka ngasentshonalanga ukuya empumalanga uya kuba lishumi elinambini elinesiqingatha leekhilomitha. Zombini ke ezi ndawo eziyamene nobude bemihlaba yezizwe ziya kuba ngumhlaba wenkosi, uze ke umhlaba owodwa onendlu kaThixo ube sesazulwini sawo.

22. Ngoko ke umhlaba wabaLevi nomhlaba wesixeko uya kuba sesazulwini somhlaba wenkosi. Umhlaba wenkosi uya kuthi xhaxhe ngomda wakwaJuda kwelinye icala, uze uthi xhaxhe ngomda wakwaBhenjamin ngelinye.

Uhezekile 48