1. Wathi kum *uNdikhoyo: “Ngoku ke, mntundini, thatha isitena, usibeke phambi kwakho, uze uzobe isixeko saseJerusalem kuso.
2. Wakugqiba uze usirhangqe ngezinto zokungqinga: yakha isithambeka sithi nca kuso, usijikeleze ngeekampu zamajoni, uze usirhangqe ngezigodo zokudiliza iindonga.
3. Wakuba wenjenjalo uzuthathe intsimbi emcaba, uyibeke njengodonga phakathi kwakho nesixeko, ujike ujonge kuyo. Ngaloo ndlela ke uya kuba usingqingile isixeko. Le nto ke iya kuba ngumqondiso kwindlu kaSirayeli.
4. “Ngoku ke ngqengqa ngecala lasekhohlo, ube ngokwenjenjalo usithabathele kuwe isono sendlu kaSirayeli. Esi sono ke siya kuba sesakho zonke iintsuku ulele ngecala.
5. Ndikusikele iintsuku ezinani lilingana nenani leminyaka yokreqo lwendlu kaSirayeli. Ngoko ke uya kusithwala isono sayo iintsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba.