11. “Ngaloo mhla uGogi uya kungcwatyelwa kwaSirayeli, kwintlambo ekuhanjwa kuyo ngabahambi abaya ngasempumalanga ngakuLwandle oluFileyo. Elo ngcwaba liya kuxaba endleleni yabahambi, kuba aya kuba elapho amangcwaba kaGogi nesihlwele sakhe siphela. Iya kubizwa ngokuba yintlambo yesihlwele sikaGogi.
12. “Indlu kaSirayeli iya kubangcwaba iinyanga ezisixhenxe ukuze licoceke ilizwe.
13. Baya kungcwatywa sisizwe siphela, ize loo mini yobungangamsha bam ibe ludumo kubo, itsho iNkosi uNdikhoyo.
14. “Kuya kumiselwa amadoda aya kuzingisa ngokulicoca ilizwe. Amanye aya kuhamba lonke ilizwe, amanye angcwabe ezo zidumbu zisabonakalayo phezu komhlaba. Emva kweenyanga ezisixhenxe aya kuqalisa ukuzingela kulo lonke ilizwe,
15. kuze kwenziwe umqondiso apho kubhaqwe khona ithambo lomntu de lingcwatywe ngabangcwabayo kwintlambo yesihlwele sikaGogi.
16. Apho kuya kubakho nesixeko esiyiHamona. Kuya kuba njalo ke ukuhlanjululwa kwelizwe.
17. “Mntundini, itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Biza zonke iintlobo zeentaka nazo zonke izilo zasendle, uthi: ‘Yizani niqokelelane kweli dini ndinilungiselela lona, inyhikityha yedini phezu kweentaba zakwaSirayeli. Apho niza kutya inyama nisele negazi.
18. Niya kutya inyama yeengangamsha, nisele negazi leenkosi zalo mhlaba ngokungathi ziinkunzi zeegusha namatakane, iibhokhwe neenkunzi zeenkomo, zonke zityetyiswe eBhashan.
19. Kwidini endinilungiselela lona niya kutya amanqatha nide niwatyekeze, nisele igazi nide ninxile lilo.
20. Kwisithebe sam niya kutya amahashe nabakhweli bawo, iingangamsha nazo zonke iindidi zamadoda omkhosi,’ itsho iNkosi uNdikhoyo.
21. “Udumo lwam ndiya kulubonisa ezizweni, ukuze zonke izizwe zisazi isohlwayo nobugadalala besandla sam.
22. Ukususela kuloo mini isizwe sakwaSirayeli siya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo waso.
23. Izizwe ziya kwazi ukuba abantu bakwaSirayeli bathinjwa ngenxa yesono sabo, kuba babenganyanisekanga kum. Ke mna ndazifihla kubo, ndaza ndabanikezela ezintshabeni zabo, bonke babulawa ngekrele.
24. Ndabohlwaya kangangokudyobheka kwabo nakangangezikreqo zabo. Ndazifihla kubo.
25. “Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuyijika imeko kaYakobi, ndibe novelwano kubo bonke abantu bakwaSirayeli; ndiya kuba nekhwele ngenxa yegama lam elingcwele.
26. Ngexesha abahleli bekhuselekile ezweni labo bengalindele ngozi baya kulilibala ihlazo labo nokunganyaniseki kwabo kum ngaphambili.
27. Ndakuba ndibaphuthumile ezizweni, ndababutha emazweni eentshaba zabo, zonke izizwe ndiya kuzibonisa ngabo ukuba akukho namnye unjengam.
28. Baya kwazi ngoko ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wabo, kuba, nakuba ndabathumela ezizweni baba ngabathinjwa, ndiya kubaqokelela, ndibabuyisele ezweni labo, ndingashiyi namnye.