8. Zazinezandla zomntu phantsi kwamaphiko macala omane. Zone izidalwa zazinobuso namaphiko.
9. Ayayamene ngamacala amaphiko. Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki.
10. Babunje ubuso bazo: Ngasinye kuzo sasinobuso bomntu, nobuso bengonyama kwicala lasekunene, nobuso benkabi yenkomo kwicala lasekhohlo, kwanobuso bokhozi.
11. Babunjalo ke ubuso bazo. Amaphiko ayetwezwe ajonga phezulu. Amaphiko amabini esidalwa ngasinye ayeyamene ngamacala nawezinye izidalwa, kodwa amabini ethe wambu umzimba.
12. Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki, sisiya kwelo cala sikhokelelwa kulo nguMoya.
13. Ngokwembonakalo ezi zidalwa ziphilayo zazingathi ngamalahle avuthayo okanye izikhanyisi ezidangazelayo. Idangatye lomlilo lalisithi likwesi isidalwa libe likwesiya, kutshawuza nemibane kulo.
14. Izidalwa zazisenza amatshe okombane, zithi ziphambili zibe zibuyela emva.
15. Ndakuzondela izidalwa eziphilayo ndabona ivili limi emhlabeni ngakwisidalwa ngasinye esinobuso obunxa-ne.
16. Yayinje imbonakalo yokwakheka kwamavili: Ayefana ncam, onke eqaqambe okwekrisolite. Ivili ngalinye laba ngathi linqumleze elinye ivili.
17. Xa zihamba zazisiya nakwiliphi na icala kumacala omane ezazijonge kuwo izidalwa, amavili engajika-jiki naxa zihambayo izidalwa.
18. Iifeleni zamavili zaziphakamile zisoyikeka, zinamehlo ngeenxa zonke.
19. Bezisithi zakuhamba izidalwa eziphilayo, nawo amavili emi ngakuzo ahambe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni.
20. Izidalwa bezisiya apho zikhokelelwa khona nguMoya, ngokunjalo namavili, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili.
21. Bezisithi izidalwa zakusuka, nawo amavili asuke; zithi zakuma bhuxe, nawo eme bhuxe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili.
22. Phezu kweentloko zezidalwa eziphilayo kwakukho into efana nesibhakabhaka. Yayinkulu, imangalisa, imenyezela okomkhenkce.
23. Iseso isidalwa esiphilayo sawatwabulula amaphiko aso phantsi kwesibhakabhaka eso, aza amaphiko amabini ayamana nawezinye izidalwa, amabini asala ethe wambu umzimba.
24. Zathi zakushukuma izidalwa, ndasiva isandi samaphiko azo, saba ngathi sisandi samanzi agqumayo, safana nezwi likaSomandla, sanjengengxokozelo yomkhosi. Zakuma zawasonga amaphiko.
25. Zathi zimi njalo ziwasongile amaphiko, kwavakala ilizwi, liphuma esibhakabhakeni ngasentla kweentloko zazo.
26. Kwakho nto ifana nesihlalo sesafire sokumkani esithe zinzi esibhakabhakeni, kungqendeve kuso into enembonakalo yomntu.