Uhabhakuki 2:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. *UNdikhoyo undiphendule esithi:“Wubhale lo mbono –wukrole ngokucacileyo emacwecweni,ube nokufundwa nangogqitha ebaleka.

3. Lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo,kwaye uxhinele ixesha lesiphelo,ibe ke awuyi kuphosisa.Noba ngathi uyalibazisa, wulindele;ewe, uya kufika ngokuqinisekileyo ungenakuthintelwa nto.

4. “Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe.

5. Yona iwayini iyakhohlisa;umntu imenza azidle angazinzi.Sisinyolu-nyolu esikhamise njengengcwaba,nqwa nokufa soze ahluthe,nokuba uzihlanganisela kuye zonke iintlanga,azibuthele kuye izizwe zonke.

6. “Abazi kuphoxisa ngaye kodwa,bahlekise ngaye bemenza isigculelo,besithi: ‘Mawoo ke, maqokelel' okungekuko okwakho,wena ozityebisa ngokuphanga impahla ekubanjiswe ngayo!Yaz'ba koda kube nini na kunje?’

7. Abanamatyala kuwe bosuka bakuvukele ngequbuliso;bokujikela bakutsho ungcangcazele,ibe nguwe kanye lowo uphangwayo.

8. Kaloku uxhaphaze izizwe ezininzi;wena ke woxhatshazwa ngamasalela azo.Kaloku uliphalazile igazi lomntu;ewe, uyitshabalisile imihlaba,wabhuq' iidolophu nabemi bazo.

Uhabhakuki 2