1. Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndabona ingobozi ezele ziziqhamo ezivuthiweyo.
2. Yathi: “Amos, ubona ntoni?” Ndathi mna: “Ndibona ingobozi ezele ziziqhamo ezivuthiweyo.”Uthe kum uNdikhoyo: “Sesifikile isiphelo kubantu bam amaSirayeli, oku kwesiqhamo esivuthiweyo, yaye andiyi kubuya ndiphinde ndibaxolele.
3. Ngaloo mini iingoma zasebhotwe ziya kujika zibe sisijwili. Kuya kujuba izidumbu ngapha nangapha, kuthi nzwanga. Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.”
4. Phulaphulani, nina niwacinezelayo amahlwempu,nizama ukuzicim' igama iindwayi.
5. Nina nithi: “Yaz'ba iya kuphela nini le misitho yentwasa-nyanga,side size kuthengisa isivuno sethu?Iya kuda idlule nini yona le mihla yokuphumla,khon' ukuze sananise ngengqolowa?”Ibe kanti umlinganiselo niza kuwucutha,ixabiso lona nilinyuse,nenze ubuqhetseba ngezikali ezinganyanisekanga.
6. Amahlwempu niza kuwathenga ngesiliva,abasweleyo nibafumane nokuba kungeembadada,nithengise nkqu nangomdlungu wengqolowa.
7. UNdikhoyo, iqhayiya likaYakobi, ufunge esithi:“Ndikhonje, andisobe ndizilibale nanini na izenzo zabo!
8. Aliyi kunyikima na ilizwe ngenxa yoku,baze benze isijwili bonke abemi balo?Awuyi kuphakama na umhlaba uxele iNayile,uphinde uthothe njengaloo mlambo waseJiputa?”