Kwabaseroma 15:30-33 Ibhayibhile (XHO96)

30. Ke kaloku, mawethu, ndiyanibongoza ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu nangenxa yokusithanda kwakhe uMoya, ukuba nindithandazele kuThixo, njengokuba nam ndizithandazela.

31. Ndithandazela ukuba ndihlangulwe kwabangamphulaphuliyo uThixo abakwelakwaJuda. Ndithandazela nokuba kwamkeleke ukubalungiselela kwam abantu bakaThixo abaseJerusalem,

32. khon' ukuze ndinihambele ngovuyo ngemvume kaThixo, sichwayitisane.

33. Ke kaloku uThixo, imbangi yoxolo, makabe nani nonke. *Amen.

Kwabaseroma 15