3. Ewe, nawe mlingane wam, ndiyakubongoza ukuba uwalamle la makhosikazi, kuba nawo aba nenxaxheba kwimizamo yam yokuhambisa iindaba ezimnandi, enoKlemente nabanye oogxa bam abamagama abhaliweyo kumqulu wabaphilayo.
4. Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!
5. Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango.
6. Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo.
7. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.