1. Njengoko kobu bomi bethu, simanywe noKrestu, kukho inkuthazo, kukho nokuvuseleleka kothando, nokudlelana koMoya, kukho nobubele novelwano,
2. ngoko ke ndaneliseni nindivuyise ngokuba nibe banye ngezimvo nangothando, nibanye ngengqondo, nizamela ukuba nibe yimbumba yamanyama.
3. Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.
4. Izinto abanomdla kuzo abanye zixabiseni nazo, ningakhathaleli izinto eninomdla kuzo kuphela.