46. Zonke iintshaba zethu ziphoxisa ngathi.
47. Siyangcungcutheka phakathi kwemihadi imbhubho nentshabalalo.
48. Amehlo am agxiza iinyembezikuba abantu bakowethu bayatshabalala.
49. Iinyembezi ziyaqukuqela ukuphuma emehlweni am,zaye aziyi kuyeka, zingayi kunqamka,
50. de uNdikhoyo akhangele esezulwini abone.
51. Endikubonayo kuwenza buhlungu umphefumlo wamngenxa yeentombi zonke zesixeko sakowethu.
52. Abo baziintshaba zam ngaphandle kwesizathubandizingela njalo oku kwentaka.
53. Bazama ukundibulala ngokundeyelisela emhadini,baza bandigibisela ngamatye.
54. Andigubungela amanzi,ndada ndathi: “Kuphelile okwam!”
55. Ewe, Ndikhoyo, ndilibizile igama lakho ndisezantsi emhadini.
56. Undivile ndikubongoza ndisithi:“Musa ukuyivingca indlebe yakho xa ndibhenela kuwe ndicela uncedo.”
57. Usondele ndakukubiza,wathi: “Musa ukoyika.”
58. Ewe, Nkosi, undilamlele,wabuhlangula ubomi bam.
59. Ndikhoyo, uyibonile ingcinezelo ebendikuyo;nceda undilamlele kwityala lam.
60. Uyibonile indlela abaziphindezela ngayo kum,nawo onke amayelenqe abo ngam.
61. Kwowu, Ndikhoyo, uzivile izinyeliso zabonawo onke amayelenqe abo ngam.
62. Iintetho neengcamango zabo zichasene nam imihla yonke.
63. Bakhangele: behleli, behamba, benza amagwijo ngam.
64. Ndikhoyo, babuyekeze ngokufanelekileyo ngokwezenzo zezandla zabo.