Izililo 3:41-51 Ibhayibhile (XHO96)

41. Iintliziyo zethu kunye nezandla zethumasiziphakamisele kuThixo ezulwini, sithi:

42. “Sikreqile, sakuvukela,waza wena akwasixolela.”

43. Wena wambethe umsindo wasisukela,wasibulala ungenanceba.

44. Uzigqubuthele ngelifuukuze kungabikho mthandazo ufikelelayo kuwe.

45. Usenze inkunkuma nomququ phakathi kwezizwe.

46. Zonke iintshaba zethu ziphoxisa ngathi.

47. Siyangcungcutheka phakathi kwemihadi imbhubho nentshabalalo.

48. Amehlo am agxiza iinyembezikuba abantu bakowethu bayatshabalala.

49. Iinyembezi ziyaqukuqela ukuphuma emehlweni am,zaye aziyi kuyeka, zingayi kunqamka,

50. de uNdikhoyo akhangele esezulwini abone.

51. Endikubonayo kuwenza buhlungu umphefumlo wamngenxa yeentombi zonke zesixeko sakowethu.

Izililo 3