Izililo 3:39-49 Ibhayibhile (XHO96)

39. Kungani na ukuba umntu abe nezikhalazo lo gama esaphila,xa esohlwaywa ngenxa yezono zakhe?

40. Masikhe siziphengulule sizigocagoce iindlela zethu,size sibuyele kuNdikhoyo.

41. Iintliziyo zethu kunye nezandla zethumasiziphakamisele kuThixo ezulwini, sithi:

42. “Sikreqile, sakuvukela,waza wena akwasixolela.”

43. Wena wambethe umsindo wasisukela,wasibulala ungenanceba.

44. Uzigqubuthele ngelifuukuze kungabikho mthandazo ufikelelayo kuwe.

45. Usenze inkunkuma nomququ phakathi kwezizwe.

46. Zonke iintshaba zethu ziphoxisa ngathi.

47. Siyangcungcutheka phakathi kwemihadi imbhubho nentshabalalo.

48. Amehlo am agxiza iinyembezikuba abantu bakowethu bayatshabalala.

49. Iinyembezi ziyaqukuqela ukuphuma emehlweni am,zaye aziyi kuyeka, zingayi kunqamka,

Izililo 3