Izililo 3:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. Wandikakaza ndanela imithana ekrakra,wandiseza ndahlutha umhlonyane.

16. Amazinyo am uwaphule ngegrabile,wandinyhasha eluthulini.

17. Ndiluhluthiwe lwemka kum uxolo,ndawalibala amathuba enkqubela.

18. Ngoko ndithi: “Liphelile iwonga lamnako konke ebendithembele kuko *kuNdikhoyo.”

19. Zikhumbule iimbandezelo zam nokubhadula kwam –umhlonyane nenyongo.

20. Ndahlala ndizikhumbula ezo zinto,waye umphefumlo udakumbile ngaphakathi kum.

21. Konke oku ndiya kukugcina entliziyweni yam;ngoko ke ndohlala ndinethemba.

22. Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,kuba inceba yakhe ayinasiphelo.

23. Zihlala zintsha imihla ngemihla;kukhulu ukuthembeka kwakhe.

24. Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;ngako oko ndiya kukholosa ngaye.”

25. UNdikhoyo ulungile kwabo bathembele ngaye,kwabo bamfunayo.

26. Kulungile ukuthi cwaka,uthembe usindiso oluvela kuNdikhoyo.

Izililo 3