15. Wandikakaza ndanela imithana ekrakra,wandiseza ndahlutha umhlonyane.
16. Amazinyo am uwaphule ngegrabile,wandinyhasha eluthulini.
17. Ndiluhluthiwe lwemka kum uxolo,ndawalibala amathuba enkqubela.
18. Ngoko ndithi: “Liphelile iwonga lamnako konke ebendithembele kuko *kuNdikhoyo.”
19. Zikhumbule iimbandezelo zam nokubhadula kwam –umhlonyane nenyongo.
20. Ndahlala ndizikhumbula ezo zinto,waye umphefumlo udakumbile ngaphakathi kum.
21. Konke oku ndiya kukugcina entliziyweni yam;ngoko ke ndohlala ndinethemba.
22. Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
23. Zihlala zintsha imihla ngemihla;kukhulu ukuthembeka kwakhe.
24. Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;ngako oko ndiya kukholosa ngaye.”
25. UNdikhoyo ulungile kwabo bathembele ngaye,kwabo bamfunayo.
26. Kulungile ukuthi cwaka,uthembe usindiso oluvela kuNdikhoyo.