Izafobe 27:21-24 Ibhayibhile (XHO96)

21. Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;igolide ivavanywa ngokuyinyibilikisa kwiziko lomlilo;ke yena umntu uvavanywa ludumo alufumana ebantwini.

22. Nokuba ungade usingqushe kunye nombona isityhakala,soze ubukhuphe ubutyhakala baso.

23. Qinisekisa ukuba uyayazi imo yemfuyo yakho,uyaluse ngononophelo imihlambi yakho.

24. Kaloku ubutyebi obu yinto edlulayo,nesithsaba sobukhosi asihlali sihleli kwizizukulwana ngezizukulwana.

Izafobe 27