Izafobe 27:17-24 Ibhayibhile (XHO96)

17. Iintsimbi ziyalolana;ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.

18. Umntu owukhathaleleyo umthi womkhiwane uyawafumana amakhiwane,nomntu oyibusayo inkosi yakhe uya kuwongwa.

19. Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.

20. Ingcwaba nelabafileyo alize lihlĂșthe;akwanjalo namehlo omntu.

21. Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;igolide ivavanywa ngokuyinyibilikisa kwiziko lomlilo;ke yena umntu uvavanywa ludumo alufumana ebantwini.

22. Nokuba ungade usingqushe kunye nombona isityhakala,soze ubukhuphe ubutyhakala baso.

23. Qinisekisa ukuba uyayazi imo yemfuyo yakho,uyaluse ngononophelo imihlambi yakho.

24. Kaloku ubutyebi obu yinto edlulayo,nesithsaba sobukhosi asihlali sihleli kwizizukulwana ngezizukulwana.

Izafobe 27