Eyeziqalo 48:13-17 Ibhayibhile (XHO96)

13. UJosefu wambeka uEfrayim ngasekhohlo kuyise, waza uManase yena wambeka ngasekunene.

14. Kodwa uSirayeli waziphambanisa izandla zakhe, wabeka isandla sakhe sokunene phezu koEfrayim, nakuba wayengomncinane yena; esokhohlo sona wasibeka kuManase, oyena wayengomkhulu.

15. Wandula ke uSirayeli ukumthamsanqelisa uJosefu wenjenje:“Makawathamsanqelise la makhwenkwe uThixo ka-Abraham noIsake.UThixo ondaluse kwada kwayile mini, makawathamsanqelise.

16. Ewe, osithunywa esandisindisa kuzo zonke iingozi makawathamsanqelise.Igama lam, nelika-Abraham noIsake, malihlale lihleli ngawo la makhwenkwe.Anga anganda achume ehlabathini.”

17. Wakhathazeka uJosefu akubona uyise ebeka isandla sokunene kuEfrayim. Waza wasisusa wasibeka phezu koManase.

Eyeziqalo 48