49. Yitshoni ke ngoku ukuba nizimisele ukuyenzela le mbeko inkosi yam, ninyaniseke kuyo; naxa kungenjalo ndixeleleni, khon' ukuze ndibone cebo limbi.”
50. Bathe ukuphendula ooLabhan noBhetuweli: “Asingethi: ‘Hayi,’ okanye: ‘Ewe;’ kuba sijongile nje ngathi le nto ayiyodwa, inomnwe kaNdikhoyo kuyo.
51. Nanku uRabheka, ukho; mthathe uhambe naye, aye kwendela kunyana wenkosi yakho, njengoko ebonile uNdikhoyo.”
52. Yakuyiva loo nto induna ka-Abraham yaguqa yathandaza ibonga uNdikhoyo.
53. Ikhuphe izambatho ezihle, nezacholo zegolide nezesiliva, yazinika uRabheka. Iphe nomnakwabo kunye nonina izipho zexabiso.
54. Emva koko loo nduna ka-Abraham yaya kutya naloo madoda yayihamba nawo. Balala apho ngobo busuku. Bathe bakuvuka ngengomso, yathi induna ka-Abraham: “Siza kucela indlela sigoduke namhlanje.”
55. Umnakwabo-Rabheka nonina bathe: “Ubungeyishiyi na intombi okweentsukwana nokuba zilishumi, ize ibuye ilandele?”
56. Ithe induna: “Hayi, sanukundibambezela; uNdikhoyo ewuqabelisile nje umcimbi ebendiwuhambele, yini ngoku? Ndiyekeni ndibuyele ekhaya kwinkosi yam.”
57. Bathe ke makhe kubizwe uRabheka, khe kuviwe kuye.