Eyeziqalo 23:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. “Phulaphula, mhlekazi, kuthi uyinkosi. Siyakukhululela; ungamngcwaba umfikazi kweyona ndawo uyithandayo.”

7. Waphakama uAbraham, wakhahlela kumaHeti,

8. wathi: “Ukuba niyavuma ndimngcwabe apha umfikazi, ndiceleleni kuEfron unyana kaZoware

9. ukuba andithengisele laa mqolomba useMakapela; nankuya emdeni womhlaba wakhe. Ze nithi makandinike ngexabiso lawo, ukuze ndiwuthenge, ndingcwabe kuwo.”

10. UEfron wayehleli namanye amaHeti enkundleni yembizo yedolophu kuthe nqwadalala. Wenjenje ukuphendula, eviwa ngumntu wonke owayelapho:

11. “Hayi, mhlekazi, mandithi ndiyakunika laa mhlaba ndawonye naloo mqolomba ulapho. Loo nto ndiyithetha apha phambi kwamawethu, la athe thande apha; ndithi ndiyakunika laa mhlaba wakuthi; ungamngcwaba khona umfikazi.”

12. UAbraham wakhahlela kubantu balapho.

13. Waza wathi kuEfron, eviwa ngumntu wonke: “Ndiyakucela, ndiphe indlebe! Ndiza kukunika ixabiso lemali yalaa mhlaba. Yithathe le mali, ukuze nam ndixole, ndingcwabe khona umfikazi.”

14. Uthe uEfron:

15. “Mhlekazi, laa mhlaba ziisiliva ezimakhulu mane kuphela; asinto loo nto kuwe nakum. Hamba uye kumngcwaba umkakho.”

Eyeziqalo 23