Eyemfuduko 27:9-19 Ibhayibhile (XHO96)

9. “Esi *sibingelelo ke senzele inkundla ngomkhusane owenziwe ngelaphu elisontwe ngobuchule. Ngezantsi malibe ziimitha ezingamashumi amane anesine ubude.

10. Umkhusane lo mawume ngeentsika zobhedu ezimashumi mabini, ezixhaswe ziziseko zobhedu ezimashumi mabini, zibe namahaki nemiqadi eyenziwe ngesiliva.

11. Uya kwenza kwangolu hlobo ke nakwicala langasentla.

12. Kwicala lasentshona umkhusane mawube lilaphu eliziimitha ezimashumi mabini nambini ubude, ube neentsika ezilishumi ezixhaswe ziziseko ezikwalishumi.

13. Ngasempuma kwicala lesango umkhusane mawube kwaziimitha ezimashumi mabini nambini ububanzi.

16. Inkqu yesango ke yona yovalwa ngelaphu eliziimitha ezilithoba ubude, elisontwe ngobuchule. Malibe yile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu; liqhoqhonywe ngobugcisa nobunono. Loxhaswa ziintsika ezine ezimi ngeziseko ezine.

17. Xa zizonke iintsika zenkundla le zodityaniswa ngemiqadi yesiliva, aze namahaki enziwe ngesiliva; ke zona iziseko zibe zezobhedu.

18. Ubude bale nkundla mabube ziimitha ezingamashumi amane anesine, ububanzi zibe ngamashumi amabini anambini, ukuphakama ke kona ibe ziimitha ezimbini neesentimitha ezimashumi mabini. Umkhusane mawenziwe ngelaphu elisontwe ngobuchule, ke zona iziseko zenziwe ngobhedu.

19. Xa zizonke izixhobo zesibingelelo ngokunjalo nezenkundla, nditsho nesikhonkwane sembala, mazenziwe ngobhedu.”

Eyemfuduko 27