Eyasentlango 32:33-40 Ibhayibhile (XHO96)

33. Ngoko ke uMosis wabela amaGadi, amaRubhen, nenxalenye yabakwaManase, wonke ummandla kakumkani uSihon wama-Amori, ndawonye nokakumkani uOgi waseBhashan, ngokunjalo needolophu namaphandle awujikelezileyo.

34. AmaGadi abuya azakha iidolophu ezinqatyisiweyo zaseDibhon, iAtaroti, iArohere,

35. iAteroti-shofan, iJazere, iJogebheha,

36. iBhete-nimra, neBhete-haran.

37. AmaRubhen ahlaziya iHeshbhon, iElale, iKiriatayim,

38. iNebho, iBhali-mehon (eli ke igama latshintshwa), neSibhema. Iidolophu abazakhayo bazithiya ngokutsha.

39. Ke bona abakwaMakire, unyana kaManase, bahlasela umhlaba waseGiliyadi, bawagxotha ama-Amori awayelapho, baza bema kuwo loo mhlaba.

40. Ngoko ke uMosis umhlaba waseGiliyadi wawunika indlu kaMakire, yema kuwo.

Eyasentlango 32