Eyasentlango 26:26-36 Ibhayibhile (XHO96)

3-4. Ngenene ke bawuthobela loo myalelo, bawaqokelela onke amadoda ayiloo ntanga. Ke kaloku ahlanganisana kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.Lawo ke yayingamaSirayeli awayevela eJiputa:

26. Indlu kaZebhulon; imizi yayo: amaZerede, amaElon, namaJaleli.

27. Amadoda ale mizi ke aba ngamashumi amathandathu amawaka, namakhulu amahlanu.

28. Indlu kaJosefu: Ke yena uJosefu wayenoonyana ababini, uManase noEfrayim.

29. Indlu kaManase: uMakiri unyana kaManase wazala uGiliyadi.

30. Ke yona inzala kaGiliyadi yile: amaIyezere, amaHeleki,

31. ama-Aseriyeli, amaShekem,

32. amaShemida, namaHefere.

33. UZelofehadi unyana kaHefere wayengenanyana, iziintombi zodwa. Nanga amagama azo: uMala, uNoha, uHogela, uMilika, noTiza.

34. Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amahlanu anambini amawaka, namakhulu asixhenxe.

35. Indlu kaEfrayim; imizi yayo: amaShutela, amaBhekeri, namaTahan.

36. AmaEran ayinzala kaShutela.

Eyasentlango 26