Amava Engqondi 8:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. Musa ukungxama ukumka kukumkani. Futhi ke sukumela ububi, kuba kaloku yena angenza nantoni na athanda ukuyenza.

4. Ekubeni ilizwi lokumkani litshatshele akukho bani unokuthi kuye: “Yintoni le uyenzayo?”

5. Lowo ugcina umthetho akayi kuhlelwa bububi;onobulumko uyakwazi amakakwenze ngexesha elifanelekileyo.

6. Kaloku yonke into inexesha layo nendlela emayenziwe ngayo;kambe buninzi ububi obunokumhlela umntu –

7. akazi ukuba kuya kwenzeka ntoni.Kakade ngubani onokuxela okuya kubakho?

8. Umntu akanalo igunya phezu komoya ukuba awuthintele;akukho bani uyilawulayo imini yokufa kwakhe.Njengokuba kungekho ukuphuncula emfazweni,kananjalo inkohlakalo ayibayeki abo bayenzayo.

9. Yonke le nto ndiyibone xa bendiphicotha izinto ezenziwa apha phantsi kwelanga – nditsho into yokuba umntu abe negunya phezu komnye, kube buhlungu kuye.

10. Ewe, ndibabonile abantu abakhohlakeleyo bengcwatywa, bathi shwaka, kanti ke nâbo bangena bephuma endlwini kaThixo besenza ubulungisa, kwanabo bayalityalwa esixekweni. Ewe, kwanaloo nto ngamampunge!

11. Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.

12. Nakuba isikhohlakali singona nakalikhulu, siphile ixesha elide, noko ndiyazi ukuba izinto ziya kuhamba kakuhle kwabo bamoyikayo uThixo, abo bamhlonelayo.

Amava Engqondi 8