10. Ewe, ndibabonile abantu abakhohlakeleyo bengcwatywa, bathi shwaka, kanti ke nâbo bangena bephuma endlwini kaThixo besenza ubulungisa, kwanabo bayalityalwa esixekweni. Ewe, kwanaloo nto ngamampunge!
11. Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.
12. Nakuba isikhohlakali singona nakalikhulu, siphile ixesha elide, noko ndiyazi ukuba izinto ziya kuhamba kakuhle kwabo bamoyikayo uThixo, abo bamhlonelayo.
13. Phofu ke, ngenxa yokuba izikhohlakali zingamoyiki uThixo, izinto aziyi kuzilungela, nemihla yazo ingòlulwa oku kwesithunzi.
14. Ewe, ikho into engamampunge eyenzekayo kweli hlabathi: maxa wambi amalungisa azuza isohlwayo sezikhohlakali, zize zona izikhohlakali zifumane indwe yamalungisa! Ndithi kwanaloo nto ngamampunge!