Amava Engqondi 4:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.

13. Endaweni yokumkani owalupheleyo osisityhakala esingeva nacebiso lilunge kanye igatyana lomfana olihlwempu xa enobulumko,

14. nangona angade abe wazalelwa ebuhlwempini phantsi kwaloo kumkani. Ewe, usenokuphuma nasentolongweni abe ngukumkani alawule.

15. Ndibone ukuba bonke abadla ubomi besihla benyuka apha phantsi kwelanga basuke bamlandela umfana lowo ungene esikhundleni sokumkani lowo walupheleyo.

16. Ewe, baba baninzi kakhulu abantu abamlandelayo kangangokuba bangabi nakubalwa. Kambe ke sona isizukulwana esilandelayo asibi saba namdla kuye. Ngenene nale ke into ikwangamampunge nokusukelana nomoya.

Amava Engqondi 4