Amava Engqondi 12:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mkhumbule uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho,ngoku ingekafiki imihla yeenkathazo,ingekasondeli neminyaka apho uya kuthi: “Akukho nto imnandi ekudleni ubomi.”

2. Ngelo thuba ke ukukhanya kwelanga, inyanga, neenkwenkwezi, kosuka kufiphale kuwe,nezulu lihlale lisibekele ngathi kungemva kwemvula.

3. Iingalo zakho ebezikukhusela ziya kuba nomkhinkqi;ngokunjalo nale milenze yakho yomeleleyo okwangoku iya kuba nengevane.Uya kuba ungasenako ukuhlafuna, kuba amazinyo embalwa,namehlo selemfiliba, ungasaboni kakuhle.

4. Iindlebe ziya kuba sezixinene, ungabi sayiva nengxolo esesitalatweni,nditsho nesandi selitye lokusila.Uya kuvuka kusasa zisantyiloza iintaka,noxa kungasekho nayiphi na ingoma onokuyiva.

Amava Engqondi 12