4. Ngoko ke loo mfana ungumshumayeli waya eRamoti yaseGiliyadi.
5. Efikile ke khona wafumana iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zihleli ndawonye. Wathi: “Ndinomyalezo wakho, njengele!”UYehu wabuza wathi: “Uxela bani kanye?”Ke yena waphendula wathi: “Nditsho wena, njengele.”
6. UYehu waphakama, wangena endlwini. Ke yena umshumayeli lowo wathatha iqhaga elo, wagalela uYehu ngamafutha entloko, wathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndiyakuthambisa ukuba ube ngukumkani wosapho lukaNdikhoyo, uSirayeli.
7. Uyabona ke, uze uyitshabalalise indlu ka-Ahabhi, inkosi yakho; mna ke ndiya kuliphindezela igazi lezicaka zam abashumayeli, ndawonye nalo lonke igazi lezicaka zikaNdikhoyo elaphalazwa nguJezebhele.
8. Xa iyonke indlu ka-Ahabhi iya kutshabalala. Ndiza kuyinqamla kwa-Ahabhi yonke into eliduna, nditsho ophezulu nophantsi kwaSirayeli.
9. Indlu ka-Ahabhi ndoyifanisa nendlu kaJerobhowam unyana kaNebhati, ibe njengendlu kaBhayesha unyana ka-Ahiya.
10. Ke yena uJezebhele uya kudliwa zizinja kweso siqithi somhlaba siseYizereli, kungabikho namntu uya kumngcwaba.’ ” Waza ke wavula umnyango, waphuma wabaleka.