2 Yookumkani 9:31-37 Ibhayibhile (XHO96)

31. Xa angena esangweni uYehu, uJezebhele wabuza wathi: “Zimri, ngaba uza ngoxolo kodwa, ntondini egebenge inkosi yayo?”

32. Wajonga efestileni ephakamileyo leyo uYehu, wathi: “Ngubani ongakum? Ngubani?” Izicaka ezibini okanye ezithathu zajonga kuye ezantsi,

33. uYehu wathi: “Mphoseni apha!” Zaza ke zamphosa uJezebhele, igazi lakhe lachaphazela olo donga ndawonye naloo mahashe, waza wamnyathelisa ngawo.

34. Ke uYehu wangena endlwini, wafika watya wasela, waza wathi: “Nosenimjonga laa mfazi uqalekisiweyo, nize nimngcwabe, kuba kaloku yintombi yokumkani.”

35. Bathe ke xa baya kumngcwaba, bafumana kuphela ukhakhayi lwakhe, neenyawo nezandla.

36. Babuyela kuYehu bamxelela, waza wathi: “Oku kukuzaliseka kwelizwi elathethwa *nguNdikhoyo ngesicaka sakhe uEliya waseTishbhi esithi: ‘UJezebhele uya kudliwa zizinja entsimini yaseYizereli.

37. Umzimba kaJezebhele uya kuba yinkunkuma entsimini eseYizereli, kungabi sathiwa: Lo nguJezebhele.’ ”

2 Yookumkani 9