31. Xa angena esangweni uYehu, uJezebhele wabuza wathi: “Zimri, ngaba uza ngoxolo kodwa, ntondini egebenge inkosi yayo?”
32. Wajonga efestileni ephakamileyo leyo uYehu, wathi: “Ngubani ongakum? Ngubani?” Izicaka ezibini okanye ezithathu zajonga kuye ezantsi,
33. uYehu wathi: “Mphoseni apha!” Zaza ke zamphosa uJezebhele, igazi lakhe lachaphazela olo donga ndawonye naloo mahashe, waza wamnyathelisa ngawo.
34. Ke uYehu wangena endlwini, wafika watya wasela, waza wathi: “Nosenimjonga laa mfazi uqalekisiweyo, nize nimngcwabe, kuba kaloku yintombi yokumkani.”
35. Bathe ke xa baya kumngcwaba, bafumana kuphela ukhakhayi lwakhe, neenyawo nezandla.
36. Babuyela kuYehu bamxelela, waza wathi: “Oku kukuzaliseka kwelizwi elathethwa *nguNdikhoyo ngesicaka sakhe uEliya waseTishbhi esithi: ‘UJezebhele uya kudliwa zizinja entsimini yaseYizereli.
37. Umzimba kaJezebhele uya kuba yinkunkuma entsimini eseYizereli, kungabi sathiwa: Lo nguJezebhele.’ ”