2 Yookumkani 9:24-29 Ibhayibhile (XHO96)

24. UYehu warhola utolo lwakhe, wajolisa kuYoram, wamchana phakathi kwamagxa, utolo olo ke lwaya kuthi xhokro entliziyweni, watsho wawa apho enqwelweni.

25. UYehu wathetha noBhidekare umqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Mchole umphose kulaa ntsimi yayiyekaNabhoti umYizereli. Khumbula ngokuya mna nawe sasisenqwelweni emva koyise uAhabhi, ngokuya uNdikhoyo wathethayo wathi:

26. ‘Izolo ndilibonile igazi likaNabhoti ndawonye negazi loonyana bakhe, utsho uNdikhoyo, ndaye ke ndiza kukwenza ulihlawule kuyo yona le ntsimi, lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ Ngoko ke mchole umphose kuloo ntsimi ngokokutsho kukaNdikhoyo.”

27. Akuyibona loo nto yenzekileyo uAhaziya ukumkani wakwaJuda, wenyuka ngendlela eya eBhete-hagan. UYehu wamsukelisa, ekhwaza esithi: “Bulala!” Baza ke bamngxwelerha apho enqwelweni yakhe endleleni eya eGure ngaseIbheyam. Kambe ke waphuncula, waya kufela eMegido.

28. Amaphakathi akhe amthatha ngenqwelo, amsa eJerusalem, aza amngcwaba phakathi kooyise kwingcwaba elikwisixeko sikaDavide.

29. UAhaziya lo waqala ukuba ngukumkani wakwaJuda kunyaka weshumi elinanye elawula uYoram unyana ka-Ahabhi.

2 Yookumkani 9