2 Yookumkani 8:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Uthe ke uGehazi esachubela ukumkani indlela uElisha awayebaphilisa ngayo nabafileyo, suka umfazi lowo waphiliselwa unyana wakhe nguElisha, wangena, eze kucela indlu nentsimi yakhe kukumkani kwelo lakowabo.UGehazi ke wathi: “Tyhini, nanku loo mfazi, mhlekazi kumkani! Naloo nyana wakhe wavuswa efile nguElisha, nguye lo.”

6. Ukumkani ke walanda loo ngcombolo apho kuye, waza ke wamchazela.Ngoko ke ukumkani wamnikezela kwesinye isicaka, wathi kuso: “Nika lo mfazi yonke into eyeyakhe, ndawonye nengeniso yomhlaba wakhe ukusukela kumhla walishiya eli lizwe kude kube namhlanje.”

7. UElisha ke waya eDamasko, wafika uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram egula. Uthe ke ukumkani lowo akuva kusithiwa: “Umfo wakwaThixo nanko efika apho,”

8. wathetha noHazayeli wathi: “Thatha isipho, uhambe uhlangabeze lo mfo wakwaThixo, uze ubuzise ngaye kuNdikhoyo ukuba ngaba ndiza kuphila na.”

9. UHazayeli ke wahamba, waya kuhlangabeza uElisha, emphathele zonke iindidi zemveliso yaseDamasko, zingumthwalo okwiinkamela ezimashumi mane. Waya kuma phambi kwakhe, wathi: “Unyana wakho uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram undithume ukuba ndize kubuza ukuba ngaba wophila na kwisifo esimbambileyo!”

10. UElisha uphendule wathi: “Yiya kumxelela ukuba nakanjani na uza kuphila. Ewe kambe, *uNdikhoyo undityhilele ukuba uza kufa.”

11. Wathi ntsho ngamehlo, wada ke uHazayeli waziva eneentloni. Umfo wakwaThixo ke wathi chapha-chapha iinyembezi.

2 Yookumkani 8