26. Waqalisa ukulawula xa aneminyaka emashumi mabini anambini, waza walawula eJerusalem unyaka wamnye. Unina yayinguAtaliya umzukulwana kaOmri ukumkani wakwaSirayeli.
27. Wahamba ekhondweni lendlu ka-Ahabhi, wenza okubi emehlweni kaNdikhoyo. Kaloku wayengumkhwenyana kwindlu ka-Ahabhi.
28. UAhaziya wadibana noYoram unyana ka-Ahabhi, baza balwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram eRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram lawo ke amngxwelerha uYoram,
29. waza ke yena waya eYizereli, ukuze ade achache kuloo manxeba wayewafumene kuma-Aram eRama kwelo dabi labo noHazayeli ukumkani wakwa-Aram.Ke uAhaziya unyana kakumkani uYehoram wakwaJuda wehla waya eYizereli, esiya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi njengoko wayenzakele.