2 Yookumkani 5:23-26 Ibhayibhile (XHO96)

23. UNahaman waphendula esithi: “Ewe, kukuwe; ungawafumana amawaka amathandathu esiliva.” Wacenga ke esithi uGehazi makawamkele, waza ke loo siliva wayifaka kwiingxowa ezimbini, wamnika nezo zambatho zibini zokutshintsha. Ke uNahaman loo mthwalo wawunikela kwizicaka ezibini, zamandulela uGehazi ziwuphethe.

24. Akufika endulini uGehazi wawuthatha loo mthwalo apho kwizicaka, waya kuwubeka endlwini. Ke zona izicaka ezo wazindulula zemka.

25. Kamva ke wangena waya kwinkosi yakhe uElisha.UElisha wabuza ke wathi: “Uvela phi na, Gehazi?”UGehazi waphendula wathi: “Hayi, nkosi yam, isicaka esi sakho asiveli ndawo!”

26. Waza ke uElisha wathi kuye: “Andithi na kaloku umoya wam ubukunye nawe okuya laa ndoda ibisihla enqwelweni ikuhlangabeza? Uthi ngaba eli lixesha lokwamkela imali, okanye impahla, izinquma, izidiliya, imihlambi yeegusha neyeenkomo, okanye izicaka ezibhinqileyo nezingamadoda?

2 Yookumkani 5