26. Uthe ke akubona ukuba idabi limongamele ukumkani waseMowabhi, suka wathatha amakhulu asixhenxe amadoda alwa ngeentshuntshe, wazama ukutyhoboza aphumele kukumkani wase-Edom, kambe ke woyiswa nayile into.
27. Ngoku ke wathatha unyana wakhe oyinkulu, eyayiza kuba ngukumkani xa yena engasekho, wenza ngaye idini elitshiswayo phezu kodonga lwesixeko eso. Ke kaloku amaSirayeli akhamnqa ngendlela engathethekiyo; aza ke ahlehla agoduka.