2 Yookumkani 25:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. waza yena wathinjwa. Wathathwa wasiwa eRibhela kukumkani waseBhabheli, apho wagwetywa khona.

7. Oonyana bakhe uZedekiya babulawa ekhangele. Yena uZedekiya bamtyhaphaza amehlo, baza bamkhonkxa ngamatyathanga obhedu, baya naye eBhabheli.

8. Ke kaloku kwathi ngomhla wesixhenxe wenyanga yesihlanu kunyaka weshumi elinethoba kakumkani waseBhabheli uNebhukadenezare ingqwayi-ngqwayi yabalindi uNebhuzaradan eyayiliphakathi likakumkani waseBhabheli yagaleleka eJerusalem.

9. Indlu *kaNdikhoyo wayintumeka umlilo, yatsha kunye nebhotwe ngokwalo, nazo zonke izakhiwo zaseJerusalem. Zonke izakhiwo ezibalulekileyo wazitshisa.

10. Wonke loo mkhosi waseBhabheli phantsi kwaloo ngqwayi-ngqwayi yabalindi basebhotwe walungenela waludiliza lonke udonga olwalujikeleze iJerusalem.

11. UNebhuzaradan lowo wababamba wabathimba abantu ababesekhona apho esixekweni, ndawonye namagcisa kwakunye nĂ¢bo babesebewelele ngakumaBhabheli.

12. Kambe ke ingqwayi-ngqwayi leyo yabashiya abantu abahleleleke kakhulu, ukuze basebenze amasimi nezidiliya.

13. AmaBhabheli azaphula iintsika zobhedu kwakunye neenqwelo, nechibi lobhedu, zinto ezo zazisendlwini kaNdikhoyo, aza aluthatha lona ubhedu olo, aya nalo eBhabheli.

14. Azithatha neembiza, iifotsholo, izikhwezeli-zibane, namacephe, nazo zonke izinto ezenziwe ngobhedu ezazisetyenziswa apho endlwini kaThixo.

15. Ewe, ingqwayi-ngqwayi leyo yazithatha neepani zesiqhumiso, kunye nezitya zokufefa, nayo yonke into eyayenziwe ngegolide okanye isiliva.

2 Yookumkani 25