1. Ke ukumkani uJosiya wawaqokelela onke amadoda amakhulu akwaJuda nawaseJerusalem.
2. Wahamba waya endlwini *kaNdikhoyo kunye namadoda akwaJuda, nabantu baseJerusalem, ababingeleli nabashumayeli. Ewe, waqokelela umntu wonke, eqalela komncinci aye komdala. Wabafundela onke amazwi encwadi yomnqophiso, leyo yayifunyenwe endlwini kaNdikhoyo.
3. Ukumkani wema ngasentsikeni, wawuhlaziya umnqophiso kunye noNdikhoyo, ethembisa ukulandela uNdikhoyo, ayithobele imiyalelo, imiqathango, nemimiselo yakhe, oko ekwenza ngomxhelo wakhe wonke, ngokwamazwi aloo mnqophiso wawubhalwe apho encwadini. Nabantu ke bathembisa bazibophelela apho emnqophisweni.
4. Ukumkani wayalela umbingeleli omkhulu uHilekiya, nababingeleli abanganeno kwakhe, nabagcini-mnyango, ukuba bazisuse apho endlwini kaNdikhoyo zonke izinto ezazenzelwe uBhali noAshera neenkwenkwezi. Zonke ezo zinto wazitshisela ngaphandle kweJerusalem kwezo ntili zeKedron; ke lona uthuthu waluthatha walusa eBhetele.