1. UManase wayeneshumi elinesibini leminyaka ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anesihlanu. Unina yayinguHefezibha.
2. WĂȘnza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lemikhwa emasikizi yezo zizwe wazigxothayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.