2 Yookumkani 19:7-12 Ibhayibhile (XHO96)

7. Uyabona ke, mna ndiza kumfaka umoya wokuba athi akuva umingi-mingi lodaba oluthile, asuke abuyele kwelakowabo. Khona apho ke ndiya kwenza ukuba abulawe ngekrele.’ ”

8. Ingqwayi-ngqwayi engumbhexeshi womkhosi yathi yakuva ukuba ukumkani waseAsiriya umkile eLakishe, suka yarhoxa, yabuya umva, yaza yafika ukumkani esilwa neLibhena.

9. Ke uSenakeribhe wafumana udaba oluthi uTiraka, umKushe ongukumkani waseJiputa, nanko ehlasela iAsiriya. Ngoko ke waphinda wathumela kuHezekiya esithi:

10. “Yithi kukumkani uHezekiya wakwaJuda: ‘Musa ukukhohliswa ngulo Thixo wakho umthembileyo. Uyakuxokisa xa esithi: “IJerusalem ayiyi kuthinjwa ngukumkani waseAsiriya.”

11. Kaloku sowuzivile izigigaba zokumkani waseAsiriya kwezinye izizwe; uyazi ukuba wazibhukuqa wazitshabalalisa tu. Ke wena uthi uya kusinda njani?

12. Babephi *oothixo bezizwe ezatshatyalaliswa ngoobawo-mkhulu? Abazihlangula ngani ke? Oothixo baseGozan, eHaran, eRezefe, nabo babantu base-Eden ababeseTelasare!

2 Yookumkani 19