34. Ndiya kusihlanganisela esi sixeko;ewe, mna ndiya kusihlangula.Ngenxa yesidima segama lam,nangenxa yesicaka sam uDavide,yonke loo nto ndiya kuyenza.’ ”
35. Ngobo busuku ke isithunywa sikaNdikhoyo saya kumkhosi wama-Asiriya, safika sabulala amadoda alikhulu mashumi asibhozo anantlanu amawaka. Bathe ke bakuvuka ngentsasa elandelayo bazibona izidumbu zithe gangalala!
36. Ngoko ke uSenakeribhe, ukumkani waseAsiriya, wazichitha warhoxa, wabuyela eNiniva, wahlala khona.
37. Ngamhla uthile ke uthe esanqula kwindlu yothixo wakhe uNiseroki, suka oonyana bakhe uAdrameleki noSharezere bamhlasela, bambulala ngekrele, baza ke babalekela kwelaseArarati. Ke uEsaridon, omnye koonyana bakhe, wangena esikhundleni sakhe, wangukumkani.