2. Wathuma uEliyakim umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala, kunye nababingeleli abaphambili, bonke benxibe ezirhwexayo, wathi mabaye *kumshumayeli uIsaya unyana ka-Amozi.
3. Baya, bafika bathi: “UHezekiya uthi: ‘Lo ngumhla wenkxwaleko, impoxo, nehlazo. Sifana nomfazi ofikelwe lixesha lakhe lokuzala, kodwa engenawo amandla okujongana naloo meko.
4. Makube uNdikhoyo uThixo wakho uwevile onke amazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi leya ibithunywe yinkosi yayo ukumkani waseAsiriya ukuze ize kuphoxisa ngoThixo ophilayo. Ngamana yakhalinyelwa ngenxa yamazwi aweve ngokwakhe *uNdikhoyo uThixo wakho. Ngoko ke nceda uthandazele amasalela asindileyo.’ ”
5. Athe akufika kuIsaya loo maphakathi kakumkani uHezekiya,
6. uIsaya wathi kuwo: “Yixeleleni inkosi yenu ukuba uNdikhoyo uthi: ‘Musa ukuxhalaba yiloo nto uyivileyo – loo mazwi athethwe liphakathi lokumkani waseAsiriya lindithuka.
7. Uyabona ke, mna ndiza kumfaka umoya wokuba athi akuva umingi-mingi lodaba oluthile, asuke abuyele kwelakowabo. Khona apho ke ndiya kwenza ukuba abulawe ngekrele.’ ”
8. Ingqwayi-ngqwayi engumbhexeshi womkhosi yathi yakuva ukuba ukumkani waseAsiriya umkile eLakishe, suka yarhoxa, yabuya umva, yaza yafika ukumkani esilwa neLibhena.