15. Wathandaza kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, wena osesihlalweni phakathi kwezithunywa ezimaphiko, nguwe kuphela onguThixo olawula zonke izikumkani zehlabathi. Wena wawadala amazulu kwanehlabathi.
16. Kaloku ke, Ndikhoyo, khawubek' iindlebe uphulaphule. Vula amehlo akho ujonge, Ndikhoyo. Khawuweve la mazwi awathumeleyo uSenakeribhe, ethuka uThixo ophilayo.
17. Sivile, Ndikhoyo, ukuba ookumkani baseAsiriya bazibhuqa bazitshabalalisa ezi zizwe kunye nemihlaba yazo.
18. Oothixo bazo wabafaka emlilweni, wabatshabalalisa; kuba kakade babengethixo, koko yimifanekiso eqingqwe zizandla zabantu ngomthi nangelitye.
19. Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo Thixo wethu, khawusihlangule kulo mfo, khon' ukuze zonke izikumkani zehlabathi ziqonde ukuba nguwe wedwa, Ndikhoyo, onguThixo.”
20. Ke uIsaya unyana ka-Amozi wathumela umyalezo kuHezekiya, esithi: “*UNdikhoyo uThixo kaSirayeli uthi: ‘Ndiwuvile umthandazo wakho mayela nokumkani waseAsiriya uSenakeribhe.’