2 Yookumkani 18:28-37 Ibhayibhile (XHO96)

28. Yaphakama ke ingqwayi-ngqwayi leyo, yadanduluka ithetha ngesiHebhere, yathi: “Phulaphulani nive ekuthethayo ingangalala, ukumkani waseAsiriya!

29. Ukumkani uthi: ‘Sanukukhohliswa nguHezekiya lo! Akanako ukunihlangula esandleni sam.

30. Sanukumvumela aniwexulele ekukholoseni ngoNdikhoyo, esithi: “Ngenene uNdikhoyo uya kusihlangula, nesi sixeko asiyi kuba lixhoba lokumkani waseAsiriya.” ’

31. “Musani ukumphulaphula uHezekiya lo! Ukumkani waseAsiriya uthi: ‘Phumani, nize kuzinikezela kum, sivisisane. Ukuba niyayenza loo nto, nonke ngabanye niya konwaba, ibe ngulowo nalowo atye iziqhamo zesidiliya sakhe namakhiwane akhe, esela amanzi equla lakhe,

32. ndide ndize kunithatha, ndinise kwilizwe elifana neli lenu, umhlaba onemveliso yeenkozo newayini, ilizwe lengqolowa nediliya, ilizwe elinemithi yeminquma kunye nobusi. Zikhetheleni ubomi ke, ningakhethi ukufa.’“Sanukulahlekiswa nguHezekiya, kuba uyanilahlekisa xa esithi: ‘UNdikhoyo uza kusihlangula.’

33. *Nguthixo wasiphi isizwe owakhe wasihlangula esandleni sokumkani waseAsiriya?

34. Baphi oothixo baseHamati naseArpadi? Baphi oothixo baseSefarvayim, abaseHena, nabaseIva? Ngaba bakha bayihlangula iSamariya esandleni sam?

35. Nguwuphi kwaba thixo bezi zizwe xa bebonke owakha wanako ukuhlangula ilizwe esandleni sam? Ke, uNdikhoyo lowo yena angayihlangula njani iJerusalem esandleni sam?”

36. Kodwa ke bona abantu abo bathula bathi cwaka, abaphendula, kuba kaloku ukumkani uHezekiya wayebayalile wathi: “Ze ningamphenduli.”

37. Ke kaloku uEliyakim unyana kaHilekiya, umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, kunye noJowa unyana ka-Asafu, usiba-khulu, bakhathazeka, bazikrazula izambatho zabo, bahamba baya kuHezekiya, baza bamazisa loo mazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi.

2 Yookumkani 18