2 Yookumkani 17:11-25 Ibhayibhile (XHO96)

11. AmaSirayeli ayesenza iziqhumiso kuzo zonke iinduli zawo zonqulo, mkhwa lowo ke wawusenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo phambi kokuba afake amaSirayeli khona. Ewe, ayesenza izinto azichasileyo uNdikhoyo; ngaloo ndlela ke awuxhokonxa umsindo wakhe.

12. Ewe, ayenqula *izithixo, nangona uNdikhoyo wayethe: “Ze ningayenzi into enjalo.”

13. Kaloku uNdikhoyo wayemlumkisile uSirayeli ndawonye noJuda, ethetha nabo ngabashumayeli bakhe neemboni, esithi: “Buyani kwiindlela zenu ezikhohlakeleyo. Yithobeleni imithetho ndawonye nemimiselo yam. Ziphatheni ngokwezimiso zomthetho xa uwonke, ngokwelizwi endalimisela ooyihlo ndathi mabalithobele, ndabuya ndalithetha nakuni ngabashumayeli abazizicaka zam.”

14. Kambe ke amaSirayeli asuka akaphulaphula, koko ankaniza njengooyise ábâsuka àbakholosa ngoNdikhoyo uThixo wabo.

15. Basuka bayibukula imimiselo kunye nomnqophiso awayewenze kunye nooyise, abazikhathalela nezilumkiso awabayala ngazo. AmaSirayeli asuka alandelana nemifanekiso ephuthileyo, aza kananjalo nawo aphutha. Asuka alinganisa iintlanga ezaziwangqongile, nangona uNdikhoyo wayewayalile wathi: “Ze ningayilandeli imikhwa yazo.”

16. Ayilahla yonke imithetho kaNdikhoyo uThixo wawo, aza azenzela imifanekiso etyhidiweyo yethole yamibini, aqingqa nomfanekiso ka-Ashera. Aguqa abusa kuzo zonke iinkwenkwezi, anqula noBhali.

17. AmaSirayeli afaka oonyana neentombi zawo emlilweni, esenza amadini ngabo. Ewe, angena kwimikhwa yokuvumisa, ahamba nakoosiyazi, azinikezela ekwenzeni okubi emehlweni kaNdikhoyo, emcaphukisa.

18. Ngoko ke *uNdikhoyo wakhathazeka gqitha, waza wawasusa amaSirayeli phambi kwakhe, akwasala namnye ngaphandle nje kwendlu kaJuda.

19. Kanti nayo leyo ayiyithobelanga imithetho kaNdikhoyo uThixo wayo. Nabo bangena ekhondweni lemikhwa eyaqalwa nguSirayeli.

20. Ngeso sizathu ke uNdikhoyo wawabukula amaSirayeli xa ewonke. Suka wawabandezela, wawayekela azizisulu zokuxhatshazwa. Ekugqibeleni ke wawasusa phambi kwakhe.

21. UNdikhoyo wathi akumahlula uSirayeli kwindlu kaDavide, suka uSirayeli wathatha uJerobhowam unyana kaNebhati, wamenza ukumkani. UJerobhowam lowo ke wamwexula uSirayeli ekulandeleni uNdikhoyo, wamlukuhla, wamfaka kwisonokazi esikhulu.

22. AmaSirayeli athi nca kwizono zikaJerobhowam, akavuma ukwahlukana nazo,

23. wada ke uNdikhoyo wawagxotha ngokwesilumkiso awayesenze ngomlomo wezicaka zakhe abashumayeli. Ngoko ke amaSirayeli afuduswa kwelakowawo, agxothelwa eAsiriya, apho asekhona ke unanamhla.

24. Ke kaloku ukumkani waseAsiriya waya kuthatha abantu eBhabheli, eKuta, eAva, eHamati, naseSefarvayim, waza wabahlalisa kwiidolophu zamaSirayeli eSamariya. ISamariya leyo ke bayithathela kubo, bahlala kwiidolophu zayo.

25. Ekungeneni kwabo khona zange bamnqule *uNdikhoyo; ngoko ke wabathumela ngeengonyama ezababulalayo abanye abantu.

2 Yookumkani 17