2 Yookumkani 16:15 Ibhayibhile (XHO96)

Ukumkani uAhazi wayalela umbingeleli u-Uriya wathi: “Kweli qonga litsha likhulu yenza amadini atshiswayo akusasa, namadini eenkozo asemalanga, amadini kakumkani atshiswayo, ndawonye namadini akhe eenkozo, kunye namadini atshiswayo abantu beli lizwe, ndawonye namadini abo eenkozo kunye nathululwayo. Apho eqongeni ke uze ufefe ngegazi lawo onke amadini atshiswayo. Ke lona iqonga lobhedu ndolisebenzisa xa ndifuna isikhokelo.”

2 Yookumkani 16

2 Yookumkani 16:11-18