17. Kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anethoba uAzariya elawula kwaJuda, uMenahem unyana kaGadi waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya ishumi leminyaka.
18. WĂȘnza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. Ngalo lonke ithuba lombuso wakhe akashenxanga kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela uSirayeli kuzo.
19. Ke kaloku uPuli ukumkani waseAsiriya wahlasela uSirayeli, waza ke uMenahem wamnika amashumi amathathu anesine amawaka eekhilogram zesiliva ukuze amxhase, futhi abe nokumila embusweni wakhe.
20. Le mali ke uMenahem wayibiza ebantwini abazizityebi. Wonke umntu omi kakuhle wayekhupha amashumi amahlanu eesiliva ukuze kurhunywe kukumkani waseAsiriya. Ngoko ke ukumkani waseAsiriya warhoxa emhlabeni wakwaSirayeli.