2 Yookumkani 12:18-21 Ibhayibhile (XHO96)

18. Kambe ke ukumkani uYowashe wakwaJuda wazithatha zonke izinto ezingcwele ezazinikelwe ngooyise – uYoshafati noYehoram noAhaziya, ookumkani bakwaJuda – kunye nezipho ezazinikelwe nguye ngokwakhe, nayo yonke igolide eyafumaneka koovimba bendlu kaNdikhoyo, naleyo yasebhotwe, waza wazithumela kukumkani uHazayeli wakwa-Aram, owathi ke akuzifumana warhoxa eJerusalem.

19. Ezinye ke iziganeko zolawulo lukaYowashe, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

20. Amaphakathi akhe amenzela iyelenqe, ambulala eBhete-milo kwindlela eya eSila.

21. Loo maphakathi ambulalayo yayinguYozakare unyana kaShimeyati noYozabhele unyana kaShomere. Wasweleka ke, waza ke wangcwatywa phakathi kooyise kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uAmaziya.

2 Yookumkani 12