2 Yookumkani 10:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku eSamariya kwakukho amashumi asixhenxe oonyana bendlu ka-Ahabhi. Ke uYehu wabhala iileta, wazithumela eSamariya kumaphakathi aseYizereli, nakumadoda amakhulu, nakubagcini babantwana baka-Ahabhi. Zazisithi:

2. “Ngoku ke, xa ifikileyo kuni le ncwadi, bekuni nje oonyana benkosi yenu, zikuni nje iinqwelo zokulwa, namahashe, nesixeko esinqatyisiweyo, nezixhobo,

3. khethani oyena ufanelekileyo nongenakukhalazelwa koonyana benkosi yenu, nimbeke esihlalweni sikayise, nize niyilwele indlu yenkosi yenu ke.”

2 Yookumkani 10