2 Yeziganeko 28:25-27 Ibhayibhile (XHO96)

25. Kuzo zonke iidolophu zelakwaJuda wakha iindawo eziphakamileyo zonqulo ukuze kwenzelwe izithixo amadini, nto leyo ke yawuxhokonxayo umsindo kaNdikhoyo uThixo wooyise.

26. Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahazi nazo zonke iindlela zakhe, ukusukela ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli.

27. UAhazi ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa kwisixeko iJerusalem. Kambe ke yena akafihlwanga kumangcwaba ookumkani bakwaSirayeli. Ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uHezekiya.

2 Yeziganeko 28