10. Phezu koko ke ngoku, la madoda nabafazi bakwaJuda naseJerusalem nizimisele ukubenza amakhoboka. Ukanti nani ngokwenu ninobutyala phambi koNdikhoyo uThixo wenu.
11. Ngoko ke ndiphulaphuleni! Amawenu la niwathimbileyo wagoduseni, kungenjalo ingqumbo kaNdikhoyo iphezu kwenu.”
12. Ke kaloku ezinye zeenkokheli zakwaEfrayim uAzariya unyana kaYohanan, uBherakiya unyana kaMeshilemoti, uHezekiya unyana kaShalum, noAmasa unyana kaHadelayi, zathetha nabo babevela edabini,
13. zathi: “Musani ukuza nabo apha abo bathinjwa, kuba siya kuba netyala phambi koNdikhoyo. Ngaba nifuna ukusongeza na isono netyala lethu? Kaloku ityala lethu selilikhulu kakade, nengqumbo kaNdikhoyo iphezu koSirayeli.”