1. UAhazi wayeneminyaka emashumi mabini ukungena kwakhe embusweni, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eJerusalem. Yena akalithathanga ikhondo likayise-mkhulu uDavide; ewe, akazange enze okuhle emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe.
2. Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wada wenza imifanekiso eqingqiweyo, esenzela inkonzo kaBhali.
3. Wayetshisa amadini kwintili kaBhen-hinom, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli.
4. Wayesenza amadini neziqhumiso ezindaweni zonke zonqulo ezindulini naphantsi kwemithi yonke efukufuku.