2 Yeziganeko 28:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. UAhazi wayeneminyaka emashumi mabini ukungena kwakhe embusweni, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eJerusalem. Yena akalithathanga ikhondo likayise-mkhulu uDavide; ewe, akazange enze okuhle emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe.

2. Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wada wenza imifanekiso eqingqiweyo, esenzela inkonzo kaBhali.

3. Wayetshisa amadini kwintili kaBhen-hinom, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli.

4. Wayesenza amadini neziqhumiso ezindaweni zonke zonqulo ezindulini naphantsi kwemithi yonke efukufuku.

2 Yeziganeko 28