2 Yeziganeko 22:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Abantu baseJerusalem bamisela uAhaziya unyana wamaphelo kaYehoram wangukumkani esikhundleni sakhe. Kaloku abahlaseli ababekunye nama-Arabhu bababulala bonke oonyana bakhe abadala. Ngoko ke waqalisa ukulawula uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda.

2. UAhaziya waqalisa ukulawula xa eneminyaka emashumi mabini anambini, waza walawula eJerusalem unyaka wamnye. Unina yayinguAtaliya umzukulwana kaOmri.

3. Naye ke wahamba ekhondweni lendlu ka-Ahabhi, ekubeni wayekhuthazwa ngunina ekwenzeni ububi.

4. WĂȘnza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengendlu ka-Ahabhi. Kaloku akuba engasekho uyise kweza abendlu ka-Ahabhi baba ngabacebisi bakhe, nto leyo yaluphuthisayo ulawulo lwakhe.

5. Walandela icebo labo, waya emfazweni noYoram unyana ka-Ahazi ukumkani wakwaSirayeli xa wayesilwa noHazayeli ukumkani wama-Aram kwiRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram amngxwelerha uYoram,

6. waza ke yena waya eYizereli khon' ukuze achache kuloo manxeba wayewafumene eRamoti kwelo dabi noHazayeli ukumkani wakwa-Aram.Ke uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda wehla waya eYizereli esiya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi njengoko wayenzakele.

7. Ukuwa kuka-Ahaziya ekutyeleleni kwakhe uYoram kwaphuma kuThixo. Akufika uAhaziya wahamba noYoram baya kubonana noYehu unyana kaNimshi owayethanjiswe nguNdikhoyo ukuze atshabalalise indlu ka-Ahabhi.

8. Xa uYehu wayewisa isigwebo kwindlu ka-Ahabhi, wafumana namatshawe akwaJuda nezizalwana zoonyana baka-Ahaziya ezazisonga uAhaziya, nazo ke wazibulala.

2 Yeziganeko 22