1. Akukho mfuneko yokuba ndinibhalele mayela nombandela wephulo lokunceda abantu bakaThixo abakwaJuda.
2. Ngangokuwazi kwam umdla eninawo sendide ndaqhayisa nokuqhayisa ngani kubantu baseMakedoni, ndisithi nina ma-Akaya naniseniwulungele kwakunyaka ophelileyo lo mbandela. Umdla wenu ke uvuselele abantu abaninzi.